IiNdumiso
Isahluko 98
Umhobe. Vumani kuYehova ingoma entsha, Ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo; Simzuzele uloyiso isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe engcwele.  
2 Ulwazisile uYehova usindiso lwakhe, Ubutyhilile emehlweni eentlanga ubulungisa bakhe.  
3 Ukhumbule inceba yakhe nokunyanisa kwakhe kwindlu kaSirayeli; Zilubonile zonke iziphelo zehlabathi usindiso loThixo wethu.  
4 Dumani kuYehova, nonke hlabathi, Gqobhokelani ekumemeleleni, nibethe uhadi.  
5 Mbetheleni uhadi uYehova, Uhadi nelizwi lengoma;  
6 Ngamaxilongo nezwi lesigodlo Dumani phambi koKumkani uYehova.  
7 Malugqume ulwandle nenzaliseko yalo, Elimiweyo nabemi balo.  
8 Imilambo mayibethe izandla, Zimemelele kunye iintaba  
9 Phambi koYehova, ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Izizwe ngokuthe tye.