Isahluko 113

Haleluya! Dumisani, bakhonzi bakaYehova, Dumisani igama likaYehova.
2 Malibongwe igama likaYehova, Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni.
3 Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova.
4 Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova, Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe.
5 Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu? Ulohlala phezulu;
6 Uloqondela phantsi; Ezulwini nasemhlabeni?
7 Ulomvusa eluthulini osweleyo, Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu,
8 Ukuba amhlalise namanene, Amanene abantu bakhe;
9 Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo, Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!