Isahluko 103

EkaDavide. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ilibonge igama lakhe elingcwele into yonke engaphakathi kwam.
2 Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Ungayilibali yonke impatho yakhe entle:
3 Uloxolela bonke ubugwenxa bakho; Ulophilisa zonke izifo zakho;
4 Ulokhulula ubomi bakho esihogweni, Akuthi jize ngenceba nemfesane;
5 Lo uwuzalisayo umlomo wakho ngento elungileyo, Buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi.
6 NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa, Nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke;
7 Umazisi weendlela zakhe kuMoses, Wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli.
8 Unemfesane enobabalo uYehova, Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.
9 Akaphiki kuphele, Akawugcini umsindo ngonaphakade.
10 Akenzi kuthi ngokwezono zethu, Akasiphathi ngokobugwenxa bethu;
11 Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba, Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;
12 Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;
13 Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana, Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.
14 Ngokuba uyakwazi yena ukubunjwa kwethu, Ekhumbula ukuba siluthuli.
15 Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe; Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.
16 Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho, Ingabi sazana nayo indawo yayo.
17 Ke yona inceba kaYehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana;
18 Kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe, Kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze.
19 UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe, Ubukumkani bakhe bulawula into yonke.
20 Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, Magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, Ephulaphula isandi selizwi lakhe.
21 Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe, Balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe.
22 Mbongeni uYehova, nonke zenzo zakhe, Ezindaweni zonke zobukumkani bakhe. Mbonge uYehova, mphefumlo wam.