Isahluko 112

Haleluya! Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!
2 Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe; Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe.
3 Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe; Ubulungisa bakhe buhlala bumi.
4 Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye, Benobabalo, nemfesane, nobulungisa.
5 Unoyolo umntu obabalayo, aboleke; Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni.
6 Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade; Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade.
7 Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.
8 Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe.
9 Uyahlakaza, upha amahlwempu; Ubulungisa bakhe buhlala bumi, Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.
10 Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe, Atshixize amazinyo, anyibilike; Umnqweno wongendawo uyadaka.