Isahluko 61

Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. EkaDavide. Kuve, Thixo, ukuhlahlamba kwam; Wubazele indlebe umthandazo wam.
2 Ndidanduluka kuwe ndisesiphelweni sehlabathi, ekutyhafeni kwentliziyo yam; Ndikhaphele eweni elisemalengalengeni kum.
3 Ngokuba ulihlathi lam, Uyinqaba ende eliqele phambi kotshaba.
4 Ndiya kuphambukela ententeni yakho ngonaphakade, Ndiya kuzimela ngesithe lamaphiko akho. (Phakamisani.)
5 Ngokuba wena, Thixo, uzivile izibhambathiso zam; Ubanike ilifa abaloyikayo igama lakho.
6 Uya kongeza imihla emihleni yokumkani; Iminyaka yakhe iya kuba njengezizukulwana ngezizukulwana;
7 Uya kuhlala ngonaphakade phambi koThixo; Mmisele inceba nenyaniso, ukuba zimlondoloze.
8 Kukhona ndiya kulibethela uhadi igama lakho ngonaphakade, Ndizizalise izibhambathiso zam imihla ngemihla.