Isahluko 137

NgaseMilanjeni yaseBhabheli Sahlala phantsi khona, salila, Sakuyikhumbula iZiyon.
2 Emingculubeni phakathi kwayo Sazixhoma khona iihadi zethu.
3 Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibiza Izango zengoma; Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo, Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.
4 Singathini na ukuvuma ingoma kaYehova Emhlabeni wolunye uhlanga?
5 Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem, Masinyele isandla sam sokunene.
6 Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam, Ukuba andithanga ndikukhumbule; Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalem Ngaphezu kwemivuyo yam yonke.
7 Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom, Umhla weYerusalem, Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeni Kuse elusekweni lwayo.
8 Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo; Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakho Osiphethe ngako!
9 Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakho Engxondorheni!