Isahluko 60

Kumongameli; ngeyenyibiba yesingqino. Eliligugu. EkaDavide. Eyokufundisa: ekulweni kwakhe nama-Aram phakathi kweMilambo nama-Aram aseTsobha; wabuya uYowabhi, wawabulala amaEdom emfuleni wetyuwa, amawaka alishumi elinamabini. Thixo, usihlambile, wasichitha, Waqumba; ngamana wasibuyisa.
2 Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule; Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma.
3 Ubabonisile abantu bakho into elukhuni, Usiseze iwayini ehexisayo.
4 Ubanike ibhanile abakoyikayo, Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)
5 Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule.
6 UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti.
7 Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase, UEfrayim sisigcina-ntloko sam, UYuda yintonga yam yommiselo;
8 UMowabhi sisitya sam sokuhlambela, Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam; Filisti, nkqangaza wena ngam.
9 Ngubani na owondisa emzini wamandla? Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?
10 Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo? Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu.
11 Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu.
12 NgoThixo siya kweyisa, Wobagqusha yena ababandezeli bethu.