Isahluko 135

Haleluya. Dumisani igama likaYehova; Dumisani, nina bakhonzi bakaYehova,
2 Nimiyo endlwini kaYehova, Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu.
3 Dumisani uYehova, ngokuba elungile uYehova; Libetheleni uhadi igama lakhe, ngokuba kumnandi.
4 Ngokuba uYehova unyule uYakobi ukuba abe ngowakhe, Wanyula uSirayeli ukuba abe yinqobo kuye.
5 Ngokuba ndiyazi mna ukuba mkhulu uYehova, INkosi yethu ingaphezu koothixo bonke.
6 Konke akuthandileyo uYehova uya kwenza, Ezulwini nasemhlabeni, Ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila.
7 Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi, Imvula wayenzela imibane; Ulorhola umoya koovimba bakhe.
8 Owawabulalayo amazibulo aseYiputa, Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;
9 Wathumela imiqondiso nezimanga Phakathi kwakho, Yiputa, KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;
10 Owabulala iintlanga ezinkulu, Wabulala ookumkani abanamandla;
11 OoSihon, ukumkani wama-Amori, No-Ogi, ukumkani waseBhashan, Nezikumkani zonke zakwaKanan;
12 Walinikela ilizwe labo lalilifa, Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,
13 Yehova, igama lakho lingunaphakade, Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.
14 Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe, Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.
15 Izithixo zeentlanga yisilivere negolide, Umsebenzi wezandla zabantu.
16 Zinomlomo nje, azithethi; Zinamehlo nje, aziboni;
17 Zineendlebe nje, aziva; Akukho nento engumoya emlonyeni wazo.
18 Baya kuba njengazo abenzi bazo, Bonke abasukuba bekholose ngazo.
19 Nina ndlu kaSirayeli, bongani uYehova; Nani ndlu ka-Aron, bongani uYehova.
20 Nina ndlu kaLevi, bongani uYehova; Nani boyika uYehova, bongani uYehova.
21 Ngowokubongwa uYehova eZiyon, Ulohlala eYerusalem. Haleluya!