Isahluko 84

Kumongameli; ngolwaseGati. Eyoonyana bakaKora. Umhobe. Hayi, ukuthandeka kweminquba yakho, Yehova wemikhosi!
2 Umphefumlo wam ulangazelela, uyaphela kukuzilangazelela, iintendelezo zikaYehova; Intliziyo yam nenyama yam imemelela kuThixo ophilileyo.
3 Intakana le ifumene ikhaya; Inkonjane izifumanele indlu, Apho izalela khona amathole ayo: Izibingelelo zakho, Yehova wemikhosi, Kumkani wam, Thixo wam.
4 Hayi, uyolo lwabahlala endlwini yakho! Basaya kukudumisa. (Phakamisani.)
5 Hayi, uyolo lwabantu abamandla akuwe, Abakhumbula umendo oya eZiyon!
6 Bephumela entilini yemithi yeBhaka, Bayenza ibe nemithombo; Ewe, imvula iyithi wambu ngentsikelelo.
7 Baya besomelela ngokomelela; Babonakala phambi koThixo eZiyon, bathi,
8 Yehova, Thixo wemikhosi, Wuve umthandazo wam, Wubekele indlebe, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.)
9 Khangela, Thixo, ngweletshetshe yethu, Ubukhangele ubuso bomthanjiswa wakho.
10 Ngokuba imini enye ezintendelezweni zakho ilungile kunewaka; Ndinyule ukuba semnyango endlwini kaThixo wam, Kunokuhlala ngaphakathi kweentente zokungendawo.
11 Ngokuba ulilanga, uyingweletshetshe uYehova uThixo, UYehova uyababala azukise; Abahamba ngokugqibeleleyo akabavimbi nto ilungileyo.
12 Yehova wemikhosi, Hayi, uyolo lomntu okholose ngawe!