Isahluko 8

Kumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.
2 Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.
3 Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:
4 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?
5 Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.
6 Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe:
7 Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke;
8 Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle.
9 Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!