Isahluko 2

Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto?
2 Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe;
3 Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi.
4 Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela.
5 Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.
6 Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele.
7 Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele.
8 Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.
9 Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.
10 Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; Bagwebi basehlabathini, yalekani.
11 Mkhonzeni uYehova nisoyika, Gcobani nithuthumela.
12 Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye!