Isahluko 16

Eyona iligugu likaDavide. Ndigcine, Thixo, ngokuba ndizimela ngawe.
2 Ndithe kuYehova, UyiNkosi yam, Andinanto indilungeleyo ngaphezu kwakho.
3 Ndithe kwabangcwele abasehlabathini, Bona bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo.
4 Ziya kwanda iimbulaleko zabo bamananisa ngathixo wumbi uYehova. Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi; Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam.
5 NguYehova isahlulo endasabelwayo, nendebe endayabelwayo; Ulenze banzi ilifa lam.
6 Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi; Hee! Ndide ndaba nelifa elihle.
7 Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo; Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam.
8 Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.
9 Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile.
10 Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo; Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo.
11 Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.