Isahluko 147

Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.
2 Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.
3 Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;
4 Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama.
5 Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo.
6 Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni.
7 Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu.
8 Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni;
9 Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo.
10 Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda;
11 UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe.
12 Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon:
13 Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.
14 Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.
15 Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;
16 Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu,
17 Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?
18 Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.
19 Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.
20 Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!