Isahluko 125

Ingoma yezinyuko. Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon: Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.
2 IYerusalem ijikelezwe ziintaba; Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
3 Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa, Ukuze amalungisa angazisi ebugqwetheni izandla zawo.
4 Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo, Kwabathe tye ezintliziyweni zabo.
5 Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga. Malube luxolo kuSirayeli.