Isahluko 46

Kumongameli: eyoonyana bakaKora; ngeyeentombi. Ingoma. UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.
2 Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.
3 Makagqume alephuze amanzi alo, Iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo. (Phakamisani.)
4 Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo, Ingcwele yeminquba yOsenyangweni.
5 UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa; UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.
6 Ziyaxokozela iintlanga, ziyashukuma izikumkani: Ukhupha izwi lakhe, linyibilike ihlabathi.
7 UYehova wemikhosi unathi, Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)
8 Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova: Owenze iziphanziso ehlabathini;
9 Ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; Waphula isaphetha, angqumze umkhonto, Atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.
10 Yekani, nazi ukuba ndinguThixo mna. Ndiya kuphakanyiswa ezintlangeni, ndiya kuphakanyiswa ehlabathini.
11 UYehova wemikhosi unathi, Ingxonde yethu nguThixo kaYakobi. (Phakamisani.)