Isahluko 121

Ingoma yezinyuko. Ndiwaphakamisele ezintabeni na amehlo am? Luya kuvela phi na uncedo lwam?
2 Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi.
3 Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni; Akayi kukha ozele umgcini wakho.
4 Uyabona, akozeli, akalali, UMgcini kaSirayeli.
5 NguYehova umgcini wakho, NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho.
6 Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa, Nenyanga ebusuku.
7 UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho.
8 UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.