Isahluko 37

EkaDavide. Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngabenzi bobubi; Musa ukubamonela abenzi bobugqwetha.
2 Ngokuba baya kusikwa kamsinyane njengengca, Babune njengohlaza oluphumayo.
3 Kholosa ngoYehova, wenze okulungileyo; Lime ilizwe, ulandelane nokuthembeka.
4 Ziyolise ngoYehova; Wokunika okunqwenelwa yintliziyo yakho.
5 Yiyekele kuYehova indlela yakho, Ukholose ngaye; wokwenzela,
6 Abuvelise njengokukhanya ubulungisa bakho, Nebango lakho njengemini enkulu.
7 Yithi cwaka kuYehova, ulindele kuye; Musa ukuzivuthisa ngomsindo ngonempumelelo ngendlela yakhe, Ngomntu ofeza amayelenqe.
8 Lahla umsindo, ushiye ubushushu; Musa ukuzivuthisa ngomsindo, kuba oko kusingisa ekwenzeni ububi kuphela.
9 Ngokuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa; Ke bona abamthembayo uYehova, baya kulidla ilifa ilizwe.
10 Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; Uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.
11 Ke bona abalulamileyo baya kulidla ilifa ilizwe, Baziyolise ngobuninzi boxolo.
12 Ongendawo ulenzela amayelenqe ilungisa, Ulitshixizela amazinyo akhe.
13 INkosi iyamhleka, Ngokuba ibona ukuba iyeza imini yakhe.
14 Barhole ikrele abangendawo, bagobe isaphetha sabo, Ukuba bawise usizana nehlwempu, Basike abandlela zithe tye.
15 Ikrele labo liya kungena kwakweyabo intliziyo, Zaphuke izaphetha zabo.
16 Ilungile intwana elinayo ilungisa, Kunentabalala abanayo abangendawo abaninzi:
17 Ngokuba iingalo zabangendawo ziya kwaphulwa; NguYehova umxhasi wamalungisa.
18 NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo, Nelifa labo liya kuba ngunaphakade.
19 Abayi kudana ngexesha lobubi; Baya kuhlutha ngeemini zendlala:
20 Ngokuba abangendawo bayatshabalala; Iintshaba zikaYehova zinjengobuhle bamadlelo; Ziya kuphela njengomsi, ziphele.
21 Uyaboleka ongendawo, angabuyisi; Ke lona ilungisa liyababala, liphe.
22 Ngokuba abasikelelweyo nguye baya kulidla ilifa ilizwe, Banqanyulwe abatshabhisiweyo nguye.
23 Amanyathela omfo aqiniswa nguYehova, Ayithande indlela yakhe.
24 Ewile, akayi kuqungquluza, Ngokuba nguYehova umxhasi wesandla sakhe.
25 Ndaka ndamtsha, kungokunje ndimdala; Ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa, Nembewu yalo ivukela ukutya.
26 Imihla yonke liyababala, liboleke abanye; Nembewu yalo iyintsikelelo.
27 Suka ebubini, wenze okulungileyo, Uhlale ngonaphakade.
28 Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni, Angabashiyi abenceba bakhe; Bagciniwe ngonaphakade: Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa.
29 Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, Ahlale kulo ngonaphakade.
30 Umlomo welungisa uxela ubulumko, Nolwimi lwalo luthetha okusesikweni.
31 Umyalelo woThixo walo usentliziyweni yalo; Akayi kuhexa amanyathela alo.
32 Ongendawo uyalilalela ilungisa, Ufuna ukulibulala.
33 UYehova akalinikeli esandleni sakhe, Angaligwebi ekuthethweni kwetyala lalo.
34 Thembela kuYehova, ugcine indlela yakhe; Wokuphakamisa, ulidle ilifa ilizwe; Ekunqanyulweni kongendawo wobonela.
35 Ndimbonile ongendawo, oyingqwangangqwili, Exanda njengomthi omilileyo, uluhlaza;
36 Kwadlula umntu, nanko engasekho; Ndamfuna, akafumaneka.
37 Gcina ogqibeleleyo, ukhangele othe tye; Ngokuba izivela-mva zezomntu woxolo.
38 Ke bona abangendawo batshatyalaliswa kuphele; Izivela-mva zongendawo ziyanqanyulwa.
39 Usindiso lwamalungisa luphuma kuYehova; Uligwiba lawo ngexesha lembandezelo.
40 UYehova uyawanceda, awasindise, Awasindise kongendawo, awasindise, Ngokuba azimela ngaye.