Isahluko 116

Ndiyamthanda, ngokuba uYehova eliva Ilizwi lam, ukutarhuzisa kwam.
2 Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke.
3 Izintya zokufa zandijikela, Iingxingongo zelabafileyo zandifumana, Ndafunyanwa ziimbandezelo nesingqa la.
4 Ndanqula ke igama likaYehova, ndathi, Yehova, ndiya kukhunga, siza umphefumlo wam.
5 UYehova unobabalo, ulilungisa, UThixo wethu unemfesane.
6 Ngumgcini wabazizidenge uYehova; Ndandiswele, wandisindisa.
7 Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam, Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle;
8 Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni, Iliso lam ezinyembezini, Unyawo lwam ekungqulekeni.
9 Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova Emazweni abaphilileyo.
10 Ndiyakholwa, xa ndithethayo; Mna ndicinezelekile kunene.
11 Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam, Bonke abantu ngamaxoki.
12 Ndingambuyisela ngantoni na uYehova Konke ukundiphatha kwakhe kakuhle?
13 Ndophakamisa indebe yosindiso, Ndinqule igama likaYehova.
14 Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.
15 Kunqabile emehlweni kaYehova Ukufa kwakhakhe benceba.
16 Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho, Ndingumkhonzi wakho, unyana womkhonzazana wakho; Uzicombulule iimbophelelo zam.
17 Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo, Ndinqule igama likaYehova.
18 Ewe, ndiya kuzizalisa izibhambathiso zam kuYehova, Phambi kwabantu bakhe bonke,
19 Ezintendelezweni zendlu kaYehova, Esazulwini sakho, Yerusalem. Haleluya!