Isahluko 91

Ohleli esitheni lOsenyangweni, Azilalise emthunzini kaSomandla,
2 Uthi kuYehova, Hlathi lam, Mboniselo yam, Thixo wam, endikholose ngaye!
3 Ngokuba ngokwakhe uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, Endyikityeni yokufa eyeyelisayo.
4 Wokugubungela ngeentsiba zakhe, Uzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe.
5 Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, Nalutolo lubaleka emini;
6 Nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, Nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu.
7 Kungawa iwaka ecaleni kwakho, Isigidi ngasekunene kwakho, Kodwa kungasondeli nto kuwe.
8 Wokhangela ngamehlo akho odwa, Ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo.
9 Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Umenze Osenyangweni ikhaya lakho.
10 Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho.
11 Ngokuba izithunywa zakhe uziwisele umthetho ngawe, Ukuba zikugcine ezindleleni zakho zonke.
12 Zokuthwala wena ngezandla zozibini, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.
13 Wonyathela phezu kwengonyama nephimpi, Uyinyashe ingonyama entsha nenamba ngeenyawo.
14 Ngokuba enamathele kum, ndomsiza; Ndimse engxondeni, ngokuba elazi igama lam.
15 Wondibiza, ndiphendule, Ndoba naye embandezelweni; Ndomhlangula, ndimzukise;
16 Ndimanelise ngemihla emide, Ndimbonise ukusindisa kwam.