Isahluko 146

Haleluya! Mdumise uYehova, mphefumlo wam.
2 Ndiya kumdumisa uYehova lo gama ndidla ubomi; Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingosekhoyo.
3 Musani ukukholosa ngamanene, Ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.
4 Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; Ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.
5 Hayi, uyolo lwalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi, Lwalowo ulinde kuYehova uThixo wakhe:
6 KuMenzi wezulu nomhlaba, Nolwandle neento zonke ezikulo; Kulogcina inyaniso ngonaphakade;
7 Kogweba ityala labacudiswayo; Kopha abalambileyo ukudla; KuYehova okhulula ababanjwa;
8 KuYehova ovula amehlo eemfama; KuYehova ophakamisa abagobileyo; KuYehova othanda amalungisa;
9 KuYehova ogcina abaphambukeli; Kulophakamisa inkedama nomhlolokazi, Ayiphethule indlela yabangendawo.
10 UYehova ungukumkani ngonaphakade, UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana. Haleluya!