Isahluko 15

Umhobe kaDavide. Yehova, ngubani na owophambukela ententeni yakho? Ngubani na owohlala entabeni yakho engcwele?
2 Ngohamba ngokugqibeleleyo, esenza ubulungisa, Othetha inyaniso ngentliziyo yakhe.
3 Ngongahlebiyo ngolwimi lwakhe, Ongamenziyo into embi uwabo, Ongamngcikiviyo ummelwane wakhe;
4 Odelekileyo, ecekiseka, kwawakhe amehlo, Obazukisayo ke bona abamoyikayo uYehova; Ofunga, angajiki, nokuba kubi kuye,
5 Ongayinikeliyo imali yakhe ukuba adle abantu ngayo, Ongenakugaqelwa ngaye omsulwa. Okwenzayo oko akayi kuza ashukunyiswe naphakade.