Isahluko 48

Ingoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.
2 Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehla bathi lonke Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla, Umzi woKumkani omkhulu.
3 UThixo, ezingxandeni zawo ezinde, Wazelwa ukuba yingxonde.
4 Kuba nabo ookumkani babenqophisene, Bawela beza kunye;
5 Bakuthi ukubona, abakhuluma; Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;
6 Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo.
7 Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.
8 Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)
9 Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho.
10 Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.
11 Mayivuye intaba yaseZiyon, Agcobe amagxamesi akwaYuda, Ngenxa yezigwebo zakho.
12 Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze; Zibaleni iinqaba zayo ezinde.
13 Gqalani ungqameko lomsele wayo; Candani ezingxandeni zayo ezinde; Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,
14 Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.