Isahluko 52

Kumongameli. Eyokuqiqa: ekaDavide: oko uDowegi umEdom waya waxelela uSawule, wathi kuye, UDavide ungene endlwini ka-Ahimeleki. Uqhayiselani na ngobubi, wena gorha? Inceba kaThixo ikho imihla yonke.
2 Ulwimi lwakho lucinga ukweyelisela, Njengesitshetshe sokuguya iindevu esiloliweyo, wena mkhohlisi.
3 Uthanda okubi kunokulungileyo; Ubuxoki, kunokuthetha ubulungisa. (Phakamisani.)
4 Uthanda onke amazwi aginyayo, Lulwimindini lukhohlisayo.
5 Naye uThixo uya kukudiliza kuphele; Uva kukuxwila, akuncothule ententeni, Akudonyule ezweni labaphilileyo. (Phakamisani.)
6 Obona amalungisa, oyike, Amhleke, athi,
7 Nanko umfo ongamenzanga igwiba lakhe uThixo, Owakholosa ngobuninzi bobutyebi bakhe, Waba nengcwangu ekweyeliseleni kwakhe.
8 Ke mna ndinjengomnquma oluhlaza endlwini kaThixo; Ndikholose ngenceba kaThixo ngonaphakade kanaphakade.
9 Ndiya kubulela kuwe ngonaphakade, kuba ukwenzile oku; Ndiya kuthemba igama lakho, ngokuba lilungile, phambi kwabenceba bakho.