Isahluko 77

Kumongameli. KuYedutun. Eka-Asafu. Umhobe. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala; Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe.
2 Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam; Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba; Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam.
3 Ndikhumbula uThixo, ndincwine; Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.)
4 Uzibambile iinkophe zamehlo am, Ndikhandiwe, andaba nakuthetha.
5 Ndicinga ngemihla yamandulo, Iminyaka yasephakadeni;
6 Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi; Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.
7 Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam, Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?
8 Iphele yaphela na inceba yayo? Sigqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?
9 UThixo ukulibele na ukubabala? Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)
10 Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi; Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.
11 Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova; Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo.
12 Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho, Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.
13 Thixo, isebungcweleni indlela yakho; Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?
14 UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo; Wawazisa amandla akho ezizweni,
15 Wabakhulula ngengalo abantu bakho, Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)
16 Akubona amanzi, Thixo, Akubona amanzi, azibhija-bhija, Ewe, agungqa amanzi enzonzobila;
17 Amafu engqingqwa aphalaza amanzi, Isibhakabhaka savakalisa isandi; Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba.
18 Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini, Imibane yalikhanyisa elimiweyo, Lagungqa lanyikima ihlabathi.
19 Yaba selwandle indlela yakho, Nomendo wakho waba semanzini amaninzi; Awaziwa umkhondo wakho.
20 Wabakhokela njengezimvu abantu bakho, Ngesandla sooMoses noAron.