Isahluko 95

Yizani simemelele kuYehova, Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu.
2 Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo, Masidume kuye ngeengoma.
3 Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova, NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke.
4 Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi, Neencopho zeentaba zezakhe.
5 Ulolwakhe ulwandle, nguyena walwenzayo; Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe.
6 Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu.
7 Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwaluswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,
8 Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha, Njengemini yaseMasa entlango;
9 Oko bandilingayo ooyihlo. Bandicikida, bewubona umsebenzi wam.
10 Iminyaka yaba ngamashumi amane ndikruqukile sesi sizukulwana, Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo, Abazazi iindlela zam bona;
11 Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi, Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam.