Isahluko 133

Ingoma yezinyuko; kaDavide. Yabonani, ukuba kuhle, ukuba mnandi, Ukuthi abazalwana bahlale bemxhelo mnye!
2 Kunjengeoli elungileyo entloko, Isihla ezindevini, Ezindevini zika-Aron, Isihla iye emqukumbelweni weengubo zakhe.
3 Kunjengombethe waseHermon, Ohla phezu kweentaba zaseZiyon; Ngokuba uYehova wayimisela khona apho intsikelelo, Ubomi, kude kuse ephakadeni.