Isahluko 1

Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!
2 Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:
3 Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela.
4 Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya.
5 Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa.
6 Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka.