Isahluko 66

Kumongameli. Ingoma. Umhobe. Dumani kuThixo, nonke hlabathi,
2 Lubetheleni uhadi uzuko lwegama lakhe, Mzukiseni, mdumiseni.
3 Yithini kuThixo, Hayi, ukoyikeka kwemisebenzi yakho! Ngenxa yobuninzi bamandla akho ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho.
4 Lonke ihlabathi liya kukunqula, Bakubethele uhadi; Balibethele uhadi igama lakho. (Phakamisani.)
5 Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo, Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.
6 Waluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo; Bawuwela umlambo ngeenyawo; Apho savuya ngaye.
7 Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade; Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni; Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.)
8 Mbongeni, zizwe, uThixo wethu, Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe.
9 Ulomisa umphefumlo wethu ebomini, Akalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.
10 Ngokuba usicikidile, Thixo; Usinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere;
11 Usingenise emboniselweni; Ubeke uxinzelelo esinqeni sethu;
12 Ukhwelise abantu entlokweni yethu; Singene emlilweni nasemanzini; Waza wasikhuphela endaweni enendyebo.
13 Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo; Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam,
14 Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam, Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam.
15 Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo, Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha; Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.)
16 Yizani, nive, ndinixelele, nonke nina bamoyikayo uThixo, Oko akwenzele umphefumlo wam.
17 Ndadanduluka kuye ngomlomo wam; Kwaye ukubonga kuphantsi kolwimi lwam.
18 Ukuba bendisekeleze ubutshinga ngentliziyo yam, INkosi yam ibingayi kuphulaphula.
19 Hayi ke, uThixo uphulaphule, Ulibazele indlebe ilizwi lomthandazo wam.
20 Makabongwe uThixo, Yena ungawugxothanga umthandazo wam, Nobubele bakhe kum.