Isahluko 67

Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe. Ingoma. Ngamana uThixo wasibabala, wasisikelela, Wabukhanyisa ubuso bakhe kuthi; (Phakamisani.)
2 Ukuze yaziwe ehlabathini indlela yakho, Usindiso lwakho ezintlangeni zonke.
3 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela;
4 Zavuya zamemelela izizwe: Ngokuba uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye, Uzikhaphe izizwe ehlabathini. (Phakamisani.)
5 Ngamana zabulela izizwe kuwe, Thixo, Zabulela izizwe kuwe zonke ziphela.
6 Umhlaba uyivelisile indyebo yawo; Uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu;
7 Uya kusisikelela uThixo, Zimoyike zonke iziphelo zehlabathi.