IiNdumiso
Isahluko 47
Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.  
2 Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.  
3 Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu.  
4 Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)  
5 UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.  
6 Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!  
7 Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa.  
8 UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.  
9 Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena.