Isahluko 130

Ingoma yezinyuko. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,
2 Nkosi, yiva ilizwi lam. Iindlebe zakho mazilibazele Ilizwi lokutarhuzisa kwam.
3 Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova, Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?
4 Ngokuba kunawe ukuxolela, Ukuze woyikwe.
5 Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe.
6 Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa.
7 Lindela kuYehova, Sirayeli, Ngokuba inceba ikuYehova; Ikuye inkululeko eninzi.
8 Yena ke wowakhulula amaSirayeli Ebugwenxeni bawo bonke.