Isahluko 149

Haleluya! Mvumeleni uYehova ingoma entsha, Indumiso yakhe ebandleni labenceba.
2 USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe; Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo.
3 Mabalidumise igama lakhe beqamba, Bembethela ingqongqo nohadi.
4 Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe, Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso.
5 Mabadlamke benozuko abenceba, Mabamemelele besezililini zabo.
6 Yimibongo kaThixo emqaleni wabo, Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo;
7 Ukuze benze impindezelo ezintlangeni, Izohlwayo ezizweni;
8 Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane, Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi;
9 Benze kubo isiko elibhaliweyo. Luzuko olo lwabakhe benceba bonke. Haleluya!