Isahluko 92

Umhobe; ingoma, ngemini yesabatha. Kulungile ukubulela kuYehova, Nokulibethela uhadi igama lakho, Wena usenyangweni;
2 Ukuyixela kwakusasa inceba yakho, Nokunyanisa kwakho ebusuku,
3 Ngoweentambo ezilishumi nangomrhubhe, Ngokulubetha uhadi ngofefe.
4 Ngokuba uyandivuyisa, Yehova, ngomsebenzi wakho, Ngezenzo zezandla zakho ndinokumemelela.
5 Azizikhulu izenzo zakho, Yehova! Zinzulu kakhulu iingcinga zakho.
6 Isityhakala asinakwazi; Isinyabi asikuqondi oko.
7 Ekudubuleni kongendawo njengomfuno, Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga, Kukuze batshabalale ngonaphakade.
8 Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.
9 Ngokuba uyabona, iintshaba zakho, Yehova, Ngokuba uyabona, iintshaba zakho ziva kutshabalala; Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.
10 Uyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu; Ndigalelwe ioli entsha.
11 Iliso lam liyababonela abandilalelayo, Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi.
12 Amalungisa aya kudubula njengesundu, Aya kukhula njengomsedare weLebhanon.
13 Etyelwe nje endlwini kaYehova, Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.
14 Aya kuhluma eselenezimvi, Aya kuba etyebile, eluhlaza;
15 Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova, Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye.