Isahluko 62

Kumongameli. KuYedutun. Umhobe kaDavide. Uthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam; Kuvela kuye ukusindiswa kwam.
2 Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu.
3 Kunini na nisuka indulumbane emntwini? Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo?
4 Bagqibe kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele; Bakholene namanga; Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.)
5 Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam.
6 Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa.
7 KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam; Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo.
8 Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)
9 Bangumphunga kwaphela onyana boluntu, ngamanga oonyana bamadoda; Esikalini bangenyuka, Bangumphunga bephelele.
10 Musani ukukholosa ngokudla abantu, Ningazenzi into engeyanto ngento exhakamfuliweyo. Yakwanda imfuyo, musani ukuyinyamekela.
11 Uthethe nto-nye uThixo, Ezi zinto zimbini ndizivile: Ukuba amandla ngakaThixo,
12 Nenceba yeyakho, Nkosi yam; Ngokuba uyababuyekeza, elowo ngokwezenzo zakhe.