Isahluko 63

Umhobe kaDavide: oko ebesentlango yakwaYuda. Thixo, unguThixo wam, ndiya kukuquqela kwakusasa, Umphefumlo wam unxanele wena; inyama yam iyakulangazelela Ezweni elingumqwebedu, elibharhileyo, eligenamanzi.
2 Ndenjenjalo ukukhangela kuwe engcweleni, Ukuba ndibone amandla akho nobuqaqawuli bakho.
3 Ngokuba inceba yakho ilungile ngaphezu kobomi, Umlomo wam uya kukuncoma.
4 Ndiya kwenjenjalo ukukubonga lo gama ndihleliyo, Ndiphakamise izandla zam egameni lakho.
5 Umphefumlo wam uhluthi umongo namanqatha; Ngemilebe yomlomo wam omemelelayo uya kukudumisa umlomo wam,
6 Ndakukukhumbula emandlalweni wam, Emilindweni yobusuku ndicamanga ngawe.
7 Ngokuba uluncedo kum, Ndinokumemelela esithunzini samaphiko akho.
8 Umphefumlo wam uthene mbende nawe; Isandla sakho sokunene sindibambile.
9 Ke bona bafuna umphefumlo wam ukuze batshabalale, Baya kutshona kwezisezantsi iindawo zehlabathi.
10 Baphalazelwa emandleni ekrele; Baba sisabelo seempungutye.
11 Ke yena ukumkani uya kuvuya ngoThixo; Baya kuqhayisa abo bonke bafunga yena; Ngokuba uya kuvingcwa umlomo wabathetha ubuxoki.