Isahluko 78

Eyokuqiqa ka-Asafu. Wubekeleni indlebe umyalelo wam, bantu bakowethu, Wathobeleni indlebe amazwi omlomo wam.
2 Ndiya kuwuvula umlomo wam ngomzekeliso; Ndiya kumpompozisa iintsonkotha zamandulo;
3 Esakuvayo sakwazi, Abasibaliselayo oobawo.
4 Asiyi kukugusha koonyana babo; Sobalisela isizukulwana esizayo iindumiso zikaYehova, Namandla akhe, nemisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo.
5 Wamisa isingqiniso kwaYakobi, Wabeka umyalelo kwaSirayeli, Awawumisela oobawo, Ukuba bawazise oonyana babo;
6 Ukuze siwazi isizukulwana esizayo, oonyana abaza kuzalwa, Basuke babalisele ababo oonyana;
7 Bayame ngoThixo, Bangazilibali izenzo ezincamisayo zikaThixo, Bayilondoloze imithetho yakhe:
8 Bangabi njengooyise, Isizukulwana esiyinjubaqa, esineenkani, Isizukulwana esingayilungisanga intliziyo yaso, Esimoya unganyanisanga kuThixo.
9 Oonyana bakaEfrayim, bexhobile, beziintoli ezinezaphetha, Bajika ngemini yemfazwe.
10 Abawugcinanga umnqophiso kaThixo, Abavumanga ukuhamba ngomyalelo wakhe;
11 Bazilibala izenzo zakhe ezincamisayo, Nezibalulekileyo zakhe awababonisayo.
12 Phambi kooyise wenza ngokubalulekileyo Ezweni lamaYiputa, emhlabeni waseTsohan.
13 Waludabula ulwandle, wabaweza, Wawamisa amanzi njengemfumba.
14 Wabakhapha ngelifu emini, Ngokukhanya komlilo ubusuku bonke,
15 Walicanda iliwa entlango, Wabaseza amanzi anzongonzongo kakhulu;
16 Wavelisa imiqukuqela yamanzi engxondorheni, Wahlisa amanzi njengemilambo.
17 Baqokela noko ukona kuye, Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini.
18 Bamlinga uThixo ngentliziyo yabo, Ngokuwubizela umphefumlo wabo ukudla.
19 Bathetha ngoThixo, bathi, Unako na uThixo ukulungisa isithebe entlango?
20 Yabona, walibetha iliwa, abaleka amanzi, Yakhukula nemilanjana; Woba nako na nokubanika ukutya, Nokubalungiselela inyama abantu bakhe?
21 Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe, Watsha umlilo kwaYakobi, Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;
22 Ngokuba bengakholwanga kuThixo, Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.
23 Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu, Wazivula iingcango zezulu;
24 Wabanisela ngemana ukuze badle, Wabanika ingqolowa yasezulwini.
25 Umntu wadla isonka sOnamandla; Wabathumela umphako bada badikwa.
26 Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini, Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;
27 Wabanisela inyama njengothuli, Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;
28 Yawa phakathi kweminquba yabo, Ngeenxa zonke emakhayeni abo.
29 Badla, bahlutha kakhulu, Wabazisela ke inkanuko yabo.
30 Bengekashenxi enkanukweni yabo, Kusekho ukudla kwabo emlonyeni wabo:
31 Kwenyuka umsindo kaThixo waya kubo, Wabulala phakathi kwabatyebileyo babo, Wawawisa amadodana akwaSirayeli.
32 Kuyo yonke loo nto bahambisa ngokona, Abakholwa yimisebenzi yakhe ebalulekileyo.
33 Wayiphelisa ke imihla yabo njengomphunga, Neminyaka yabo ngokukhwankqisa.
34 Xa wathi wababulala, bamquqela; Babuya bamquqela uThixo ngenyameko,
35 Bakhumbula ukuba uThixo uliliwa labo, UThixo Osenyangweni ungumkhululi wabo.
36 Ke bamthomalalisa ngomlomo wabo, Bamxokisa ngolwimi lwabo;
37 Intliziyo yabo ayaqina kuye, Abanyaniseka emnqophisweni wakhe.
38 Ke yena unemfesane, Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi; Wawubuyisa futhi umsindo wakhe, Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe.
39 Wakhumbula ukuba bayinyama, Bangumoya omkayo, ongabuyiyo.
40 Kukangaphi bemphikisa entlango, Bemenza buhlungu enkangala!
41 Babuya bamlinga uThixo, Bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli.
42 Abasikhumbula isandla sakhe, Imini awabakhulula ngayo embandezelweni;
43 Awamisa ngayo imiqondiso yakhe eYiputa, Nezimanga zakhe emhlabeni waseTsohan.
44 Wayiguqula imijelo yabo, yaba ligazi, Ababa nakuyisela imiqukuqela yabo yamanzi.
45 Wathumela kubo iingcongconi, zabadla; Namasele, abatshabalalisa.
46 Izilimo zabo wazinika iinkumbi ezinqunquthayo, Ukuxelenga kwabo wakunika iinkumbi ezandayo.
47 Wawubulala ngesichotho umdiliya wabo, Nemithombe yabo ngomkhenkce.
48 Wayinikela kwisichotho imfuyo yabo, Nemihlambi yabo ngemibane.
49 Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe, Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo, Ibutho lezithunywa zobubi.
50 Wawulungelelanisela umendo umsindo wakhe, Akawunqanda ekufeni umphefumlo wabo, Wabunikela ubomi babo kwindyikitya yokufa.
51 Wababulala bonke abamazibulo eYiputa, Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam.
52 Abantu bakhe wabafudusa njengezimvu, Wabaqhuba njengomhlambi entlango;
53 Wabakhapha bekholosile, bengankwantyi; Ke zona iintshaba zabo lwazigubungela ulwandle
54 Wabazisa emdeni wakhe ongcwele, Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene.
55 Wagxotha iintlanga ebusweni babo, Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo; Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo.
56 Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni, Abazigcina izingqiniso zakhe,
57 Babuya unuva, banginiza njengooyise. Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.
58 Bamqumbisa ngeziganga zabo, Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.
59 Weva uThixo, waphuphuma umsindo, Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;
60 Wawulahla umnquba waseShilo, Intente abeyimise esintwini;
61 Wawanikela ekuthinjweni amandla akhe, Isihombo sakhe esandleni sombandezeli.
62 Wabanikela abantu bakhe kwikrele, Umsindo wakhe waphuphumela ilifa lakhe.
63 Amadodana abo adliwa ngumlilo, Iintombi zabo azagcotyelwa.
64 Ababingeleli babo bawa likrele, Abahlolokazi babo abalila.
65 Yaza yavuka njengobelele iNkosi, Njengegorha elimemeleliswa yiwayini.
66 Yababetha ngasemva ababandezeli bayo, Yabenza ingcikivo engunaphakade.
67 Yayicekisa intente yakwaYosefu, Ayasinyula isizwe sakwaEfrayim.
68 Yanyula isizwe sakwaYuda, Intaba yaseZiyon eyayithandayo.
69 Yayakha njengokuphakama kwezulu ingcwele yakhe, Njengomhlaba lo awusekileyo ngonaphakade.
70 Yanyula uDavide umkhonzi wayo, Yamthabatha ezibayeni zezimvu;
71 Yamthabatha elandela izimvu ezanyisayo, Yamzisa ukuba aluse kwaYakobi abantu bayo, KwaSirayeli ilifa layo.
72 Wabalusa ke ngengqibelelo yentliziyo yakhe, Wabakhapha ngokwazi kwezandla zakhe.