Isahluko 12

Kumongameli: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Sindisa, Yehova, ngokuba uphelile owenceba, Ngokuba bathe shwaka abanyanisileyo koonyana babantu.
2 Bathetha inkohlakalo omnye nomnye; Bathetha ngomlomo ogudileyo, nangentliziyo embaxa.
3 Ngamana uYehova angayinqumla yonke imilebe yomlomo ogudileyo, Ulwimi oluthetha izinto ezinkulu;
4 Abathe, Ulwimi lwethu siyalupheza; Imilomo yethu yeyethu; ngubani na oyinkosi kuthi?
5 Ngenxa yokubhuqwa kweentsizana, ngenxa yokuncwina kwamahlwempu, Ndiya kusuka ndime ngoku, utsho uYehova; Ndiya kumbeka elusindisweni lowo ululangazelelayo.
6 Amazwi kaYehova ngamazwi acocekileyo, Yisilivere enyibilikiselwe eziko, yela emhlabeni, Ehluzwe kasixhenxe.
7 Wena, Yehova, uya kubagcina, Uya kubalondoloza kwesi sizukulwana ngonaphakade.
8 Abangendawo bahambahamba ngeenxa zonke, Xa kuphakanyiswe abangeni phakathi koonyana babantu.