Isahluko 42

Kumongameli: eyokuqiqa; eyoonyana bakaKora. Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, Wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam.
2 Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo; Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo?
3 Iinyembezi zam zaba kukudla kwam imini nobusuku, Bakuthi kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho?
4 Ndikhumbula oku, ndiwuphalazela kum umphefumlo wam, Ukuhamba kwam nezihlwele ndisiya endlwini kaThixo, Sinezwi lokumemelela nokubulela, siyingxokolo evuyayo.
5 Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.
6 Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wena Ezweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare.
7 Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho; Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam.
8 Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe, Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam, Ukuthandaza kuThixo wobomi bam.
9 Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na? Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba?
10 Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo, Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho?
11 Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.