Isahluko 122

Ingoma yezinyuko. KaDavide. Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.
2 Iinyawo zethu zifike zema Emasangweni akho, Yerusalem;
3 Yerusalem, wena wakhiweyo Ngokomzi ohlangeneyo wamnye;
4 Apho zinyuka ziye khona izizwe, Izizwe zikaYehova; Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli, Ukuba kubulelwe kwigama likaYehova.
5 Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba, Iitrone zendlu kaDavide.
6 Celelani iYerusalem uxolo; Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,
7 Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo, Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.
8 Ngenxa yabazalwana bam nowethu, Makhe ndithethe uxolo ngawe.
9 Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu, Ndiya kufuna okukulungeleyo.