Isahluko 104

Mbonge uYehova, mphefumlo wam. Yehova, Thixo wam, umkhulu kakhulu; Wambethe indili nobungangamela.
2 Ulothi wambu ukukhanya njengengubo. Ulolaneka izulu njengelengalenga lentente;
3 Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu; Ulowenza amafu inqwelo yakhe, Ulohamba ngamaphiko omoya;
4 Ulowenza izithunywa zakhe imimoya, Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.
5 Waliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo, Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.
6 Waligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho, Ema amanzi phezu kweentaba.
7 Ekukhalimeni kwakho asaba, Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;
8 Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo, Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.
9 Wamisa umda ukuba angegqithi, Angabuye awugubungele umhlaba.
10 Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni; Ihamba phakathi kweentaba;
11 Iseza zonke iinyamakazi zasendle; Amaesile asendle aqabula inxano lawo.
12 Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu, Zitsholoza phakathi kwamasebe;
13 Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu; Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.
14 Ulontshulisela iinkomo utyani, Nomfuno wokunceda umntu; Ukuze kuphume isonka emhlabeni.
15 Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu; Bukhazimle ubuso ngeoli, Isonka siyixhase intliziyo yomntu.
16 Iyahlutha imithi kaYehova, Imisedare yaseLebhanon awayityalayo,
17 Apho zakhela khona iintaka; Ingwamza, isemisipresini indlu yayo.
18 Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo, Amawa azimela iimbila.
19 Inyanga wayenzela amaxesha ayo, Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.
20 Wenza ubumnyama wena, kube sebusuku, Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi.
21 Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga, Zifuna ukudla kwazo kuThixo.
22 Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana, Zibuthume ezikhundleni zazo.
23 Uyaphuma umntu aye emsebenzini wakhe Nasenkonzweni yakhe, ahlwise.
24 Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobululumko; Uzele umhlaba zizidalwa zakho.
25 Nalo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini; Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa, Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.
26 Kulapho kuhamba iinqanawa; Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo.
27 Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe, Ukuba uzinike ukudla kwazo ngexesha elililo.
28 Uyazinika, ziyachola; Uyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.
29 Uyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa; Uyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo, Zibuyele eluthulini lwazo.
30 Uthuma umoya wakho, ziyadalwa, Ubuhlaziye ubuso bomhlaba.
31 Ubuqaqawuli bukaYehova mabube ngunaphakade; UYehova makavuye ngezenzo zakhe;
32 Ulobheka emhlabeni, uzamazame; Uchukumisa iintaba, ziqhume.
33 Ndiya kuvuma kuYehova lo gama ndidla ubomi, Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingokhoyo.
34 Makube nencasa kuye ukucamngca kwam; Mna ndiya kuvuya ngoYehova.
35 Mabagqitywe ehlabathini aboni, Bangabi sabakho abangendawo. Mbonge uYehova, mphefumlo wam, Haleluya!