Isahluko 73

Umhobe ka-Asafu. Ulungile kwaphela uThixo kuSirayeli, Kwabantliziyo zinyulu.
2 Ke mna, beziphantse ukumka iinyawo zam; Gcwizi ukutyibilika ukunyathela kwam;
3 Ngokuba bendibamonela abaqhayisayo, Ndakukubona ukuphumelela kwabangendawo.
4 Ngokuba abanazintlungu ekufeni kwabo; Baphilile, batyebile umzimba wabo;
5 Ebubini babantu abakho bona; Abakhathazwa njengabanye abantu.
6 Ngako oko intamo yabo inxitywe ikratshi; Ukugonyamela kubathe wambu ngokwengubo.
7 Amehlo abo avelile kukutyeba; Amabhongo eentliziyo zabo aphumela phandle.
8 Bahlalela ngentlamba, bathetha ngokubandezela, benobubi; Bathetha iindumbisa zamazwi.
9 Bawubeka ezulwini umlomo wabo, Ulwimi lwabo luhamba emhlabeni wonke.
10 Ngako oko abantu babo babuyela apha; Bafinca amanzi amaninzi.
11 Bathi, Unokuthini na ukwazi uThixo? Kukho ukwazi na kOsenyangweni?
12 Yabona abangendawo abaya Banokuchulumacha ngonaphakade, bandile ngokutyeba.
13 Sifumane sayiqaqambisa intliziyo yethu kanti, Sazihlamba izandla zethu ngokuba msulwa;
14 Ndakhathazeka imini yonke, Ukohlwaywa kwethu kwaba kokwemiso yonke.
15 Ukuba bendithe, Ndiya kwenjenjalo ukuthetha, Yabona, ngendinginizile kwisizukulwana soonyana bakho.
16 Ndathi ke ndakucinga ukuba ndikwazi oko, Kwayinkohla emehlweni am;
17 Ndada ndaya kungena ezingcweleni zikaThixo, Ndakugqala ke ukuphela kwabo.
18 Inene, ubamise ezindaweni ezibuthelezi, Wabawisa baba yintshabalala.
19 Hayi, ukuphanziswa kwabo ngephanyazo; Baphelile, bagqityiwe kukukhwankqa.
20 Njengephupha ekuqabukeni komntu, Ekuvukeni kwakho, Nkosi, wowudela umfanekiso wabo.
21 Ukuba ndithe ndabindeka intliziyo, Ndahlabeka ezintsweni,
22 Ndoba ke ndisisityhakala, ndingenakwazi; Ndoba ke ndisisilo kuwe.
23 Mna ke ndihlala ndinawe; Undibambile ngesandla sam sokunene;
24 Uya kundikhapha ngecebo lakho. Undithabathe emveni koku, ndibe nozuko.
25 Ndinabani na emazulwini? Ukuba wena ungowam, andilinanze nganto ihlabathi.
26 Ingaphela inyama yam nentliziyo yam: Iliwa lentliziyo yam, nesabelo sam, nguThixo ngonaphakade.
27 Ngokuba, yabona, abanyawukileyo kuwe baya kudaka; Uyababhangisa bonke abahenyuzayo, bemke kuwe.
28 Mna ke, ukusondela kuThixo kulungile kum, Ndiyenza ihlathi lam iNkosi uYehova, Ukuze ndiyibalise yonke imisebenzi yakhe.