INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 36

Kwasondela iintloko zezindlu zooyise ngokwemizalwane yoonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, wasemizalwaneni yoonyana bakaYosefu, bathetha phambi koMoses naphambi kwezikhulu, iintloko zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli,
2 bathi, UYehova wayiwisela umthetho inkosi yethu, ukuba ibanike ilizwe ngamaqashiso oonyana bakaSirayeli, ukuba libe lilifa. Inkosi yethu ke yawiselwa umthetho nguYehova, ukuba ilifa likaTselofehadi, umzalwana wethu, ilinike iintombi zakhe.
3 Ke ukuba zithe zaba ngabafazi bothile koonyana bezizwe zoonyana bakaSirayeli, loncitshiswa ilifa loobawo lilifa lazo, longezelelwe kwilifa lesizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe iqashiso lelifa lethu.
4 Ukuba uthe wafika umnyaka wakuhlokomisa ngesigodlo koonyana bakaSirayeli, losuka longezelelwe ilifalazo kwilifa lezizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe ilifa lesizwe soobawo lilifa lazo.
5 Wabawisela ke uMoses umthetho oonyana bakaSirayeli ngokomlomo kaYehova, esithi, Isizwe soonyana bakaYosefu silungisile ukuthetha.
6 Lilo eli ilizwi alenze umthetho uYehova ezintombini zikaTselofehadi: uthi, Mazendele kulowo zimthandileyo, kodwa mazendele emzalwaneni wesizwe sikayise;
7 ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise.
8 Zonke iintombi ezinelifa ezizweni zoonyana bakaSirayeli ziya kwendela kothile emzalwaneni wesizwe sooyise, ukuze oonyana bakaSirayeli babe nalo elowo ilifa looyise;
9 ukuze lingashenxi ilifa esizweni, liyesizweni simbi, kuba izizwe zoonyana bakaSirayeli ziya kunamathela eso elifeni laso.
10 Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi.
11 UMala, noTirtsa, noHogela, noMilka, noNoha, iintombi zikaTselofehadi, zendela koonyana babazalwana bakayise;
12 zendela emizalwaneni yoonyana bakaManase, unyana kaYosefu; ilifa lazo laba sesizweni somzalwana kayise.
13 Yiyo leyo imithetho namasiko awawawisayo uYehova ngesandla sikaMoses koonyana bakaSirayeli, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko.