INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 3

Yiyo le inzala ka-Aron noMoses, mini uYehova wathethayo noMoses entabeni yaseSinayi.
2 Ngawo la amagama oonyana baka-Aron: owamazibulo nguNadabhi, noAbhihu, uElazare, noItamare.
3 Ngawo lawo amagama oonyana baka-Aron, ababingeleli abathanjiswayo, bamiselwa ukuba babe ngababingeleli.
4 Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koYehova, ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova, entlango yaseSinayi; ababa nanyana bona. Baba ngababingeleli ooElazare noItamare ebusweni buka-Aron uyise.
5 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
6 Sisondeze isizwe sakwaLevi, usimise phambi koAron umbingeleli, ukuba balungiselele kuye.
7 Bosigcina isigxina sakhe nesigxina sebandla lonke phambi kwentente yokuhlangana, ukuba basebenze umsebenzi womnquba;
8 bazigcine iimpahla zonke zentente yokuhlangana, nesigxina soonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi womnquba.
9 Womnika abaLevi uAron noonyana bakhe, abanikwe banikwa ngoonyana bakaSirayeli;
10 ooAron noonyana bakhe ubenze bavelele babugcine ububingeleli babo. Owasemzini osondelayo makabulawe.
11 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
12 Uyabona, mna ndibathabathile abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, esikhundleni samazibulo onke avula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, baba ngabam abaLevi;
13 kuba onke amazibulo ngawam, mini ndawabethayo onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndazingcwalisela onke amazibulo kwaSirayeli, ethabathela emntwini esa enkomeni. Oba ngawam, mna Yehova.
14 Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, esithi,
15 Babale oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo; yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye inyuse, woyibala.
16 Wababala ke uMoses ngokomlomo kaYehova, njengoko wamwiselayo umthetho.
17 Ngabo aba oonyana bakaLevi ngamagama abo: nguGershon noKehati noNerari.
18 Ngawo la amagama oonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo: nguLibheni noShimehi.
19 Oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo: nguAmram noItsare, nguHebron noUziyeli.
20 Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo: nguMaheli noMushi. Yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngokwezindlu zooyise.
21 KwaGershon ngumzalwane wakwaLibheni, nomzalwane wakwaShimehi; yiyo leyo imizalwane yakwaGershon.
22 Ababalwayo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse, ababalwayo kubo: ngamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu.
23 Imizalwane yakwaGershon yomisa intente ngasemva komnquba ngasentshonalanga.
24 Inkulu yendlu yooyise kwaGershon nguEliyasafu, unyana kaLayeli.
25 Isigxina soonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana soba ngumnquba, nentente, nesigubungelo sayo, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,
26 namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso somnyango wentendelezo esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo emsebenzini wawo wonke.
27 KwaKehati ngumzalwane wakwa-Amram, nomzalwane wakwaItsare, nomzalwane wakwaHebron, nomzalwane wakwa-Aziyeli; yiyo leyo imizalwane yakwaKehati.
28 Ngenani, into yonke eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye yenyusa: ngamawaka osibhozo, anamakhulu mathandathu, egcine isigxina sengcwele.
29 Imizalwane yoonyana bakaKehati yomisa intente ngecala lomnquba elingasezantsi.
30 Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaKehati nguElitsafan, unyana kaUziyeli.
31 Isigxina sabo yityeya, netafile, nesiphatho sezibane, nezibingelelo, neempahla zengcwele abalungiselela ngazo, nesisitheliso, nomsebenzi wawo wonke.
32 Inkulu yezikhulu zakwaLevi nguElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, umveleli wabagcina isigxina sengcwele.
33 KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari.
34 Ababalwayo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.
35 Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaMerari nguTsuriyeli, unyana ka-Abhihayili; yomisa iintente ngecala lomnquba elingasentla.
36 Isigxina soonyana bakaMerari kukugcina iiplanga zomnquba nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neempahla zawo zonke, nomsebenzi wawo wonke,
37 neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo.
38 Abomisa iintente phambi komnquba ngasempumalanga, phambi kwentente yokuhlangana, nguMoses, noAron, noonyana bakhe, abagcina isigxina sengcwele, ngokwesigxina soonyana bakaSirayeli. Owasemzini osondelayo makabulawe.
39 Bonke ke ababalwayo bakwaLevi, ababalwayo nguMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngokwemizalwane yabo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamashumi amabini anamabini amawaka.
40 Wathi uYehova kuMoses, Wabale onke amazibulo ento eyindoda koonyana bakaSirayeli, ethabathela kunyana onyanga-nye anyuse, uthabathe inani lamagama awo.
41 Wondithabathela mna Yehova abaLevi, esikhundleni samazibulo onke aphakathi koonyana bakaSirayeli; neenkomo zabaLevi esikhundleni samazibulo onke ezinkomeni zoonyana bakaSirayeli.
42 Wawabala ke uMoses onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho;
43 onke amazibulo ento eyindoda ngenani lamagama, ethabathela kunyana onyanga-nye anyuse, ngokubalwa kwawo, aba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini, anamanci asixhenxe anesithathu.
44 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
45 Thabatha abaLevi esikhundleni samazibulo onke, phakathi koonyana bakaSirayeli, neenkomo zabaLevi, esikhundleni seenkomo zabo, babe ngabam abaLevi, mna Yehova.
46 Ke amakhulu amabini, anamanci asixhenxe anamathathu aza kukhululwa ngokumiselwa, kumazibulo oonyana bakaSirayeli, agqithiseleyo kubaLevi.
47 Uze uthabathe iishekele zibe ntlanu ngentloko yomntu, uthabathe ngokweshekele yengcwele (ishekele leyo iziigera ezimashumi mabini);
48 umnike uAron noonyana bakhe loo mali yabakhululwe ngokumiselwa, abagqithiseleyo kubo.
49 Wayithabatha ke uMoses loo mali yokukhululwa kwabo bagqithiseleyo kwabakhululwe ngabaLevi ngokumiselwa;
50 wayithabatha kumazibulo oonyana bakaSirayeli imali, iliwaka elinamakhulu mathathu, anamanci amathandathu anesihlanu, ngokweshekele yengcwele.
51 UMoses wayinika uAron noonyana bakhe imali leyo yenkululo, ngokomlomo kaYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.