INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 5

Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, babakhuphe eminqubeni bonke abaneqhenqa, nabo bonke ababhobhozayo, nabo bonke abaziinqambi ngofileyo;
3 oyindoda noyinkazana, nobakhuphela phandle kweminquba, bangayenzi inqambi iminquba yabo, endihleli phakathi kwayo.
4 Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, babakhuphela phandle kweminquba; njengoko uYehova wathethayo kuMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
5 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
6 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,
7 mabasixele isono sabo abasenzileyo, owonileyo alihlambe ityala lakhe ngangenani lalo, ongeze isahlulo salo sesihlanu kulo, anike lowo anetyala kuye.
8 Ukuba umntu lowo uthe akaba namzalwana kungahlawulwa kuye ukuhlamba ityala, ityala elo malihlawulelwe uYehova, kumbingeleli, ngaphandle kwenkunzi yemvu yokucamagusha, aya kucanyagushelwa ngayo.
9 Wonke umrhumo weento zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, abawusondezayo kumbingeleli, wobangowakhe.
10 Elowo izinto zakhe ezingcwele zoba zezakhe; elowo into ayinike umbingeleli, yoba yeyakhe.
11 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
12 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda ngendoda, xa athe umkayo wanxaxha, wayimenezelela,
13 kwalala enye indoda naye, kwafihlakala emehlweni endoda yakhe, kwasithela, wazenza inqambi yena, akaba nangqina, akabanjwa;
14 yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, eyinqambi yena; nokuba yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo engeyiyo inqambi:
15 indoda leyo mayimzise umkayo kumbingeleli, iwuzise umsondezo wakhe ngenxa yakhe, isahlulo seshumi se-efa yomgubo werhasi, ingagaleli oli phezu kwawo, ingabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba ngumnikelo wokudla wobukhwele, ngumnikelo wokudla wenkumbuzo, okhumbuza ubugwenxa obo.
16 Umbingeleli womsondeza, ammise phambi koYehova,
17 athabathe umbingeleli amanzi angcwele ngomphanda, athabathe umbingeleli naseluthulini olusemgangathweni womnquba, alugalele emanzini lawo.
18 Umbingeleli wommisa ke umfazi phambi koYehova, amcombulule iinwele loo mfazi, awubeke ezandleni zakhe umnikelo wokudla wenkumbuzo, umnikelo wokudla wobukhwele lowo, abe esesandleni sombingeleli amanzi obukrakra esiqalekiso;
19 umbingeleli amfungise, athi kumfazi, Ukuba akuthanga kulale ndoda nawe, nokuba akuthanga unxaxhele ebunqambini, unendoda yakho, yiba msulwa kula manzi obukrakra esiqalekiso.
20 Ke wena, xa uthe wanxaxha, unendoda yakho, xa uthe wazenza inqambi, walalwa yenye indoda engeyiyo indoda yakho:
21 umbingeli womfungisa umfazi lowo isifungo— sokuzishwabulela, athi umbingeleli kumfazi, UYehova makakwenze isishwabulo, nesithuko phakathi kwabantu bakowenu, ngokuthi uYehova alintshwenyise ithanga lakho, asidumbise isisu sakho;
22 angene la manzi esiqalekiso embilinini wakho, akudumbise isisu, akuntshwenyise ithanga. Wothi loo mfazi, Amen, amen.
23 Makazibhale ezo zishwabulo umbingeleli encwadini, azicime ngaloo manzi obukrakra,
24 amseze umfazi amanzi obukrakra esiqalekiso, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra.
25 Wowuthabatha umbingeleli esandleni somfazi umnikelo wokudla wobukhwele, awutshangatshangise umnikelo wokudla phambi koYehova, amsondeze esibingelelweni;
26 asube umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni, emveni koko amseze umfazi amanzi lawo.
27 Emsezile amanzi lawo, kothi ukuba ubezenze inqambi, wayimenezela indoda yakhe, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra, sidumbe isisu sakhe, lintshwenye ithanga lakhe, lo mfazi abe sisishwabulo phakathi kwabantu bakowabo.
28 Ke ukuba lo mfazi ubengathanga azenze nqambi, uhlambulukile yena; woba msulwa, amithe.
29 Nguwo lowo umyalelo wobukhwele bokunxaxha komfazi enendoda yakhe, wazenza inqambi;
30 nokuba indoda ithe yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, yammisa umfazi phambi koYehova, umbingeleli wawenza kuye wonke lo myalelo.
31 Yoba msulwa ke indoda yakhe kobo bugwenxa, loo mfazi abuthwale obo bugwenxa bakhe.