INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 17

Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthabathe kubo iintonga: intonga ngokwendlu yooyise, kwiinkulu zabo zonke ngokwezindlu zooyise, iintonga ezilishumi elinambini, ubhale igama lalowo nalowo entongeni yakhe.
3 Wobhala igama lika-Aron entongeni yakwaLevi; kuba yoba nye intonga yentloko yendlu yooyise.
4 Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kwesingqino, apho ndihlangana nani khona.
5 Kothi indoda endinyule yona, intonga yayo idubule; ndikuphelise phambi kwam ukukrokra koonyana bakaSirayeli, ababenikrokrela ngako.
6 Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli; zonke iinkulu zabo zamnika iintonga nganye, intonga yanye kwinkulu, ngokwezindlu zooyise, zalishumi elinambini iintonga. Intonga ka-Aron yabe iphakathi kweentonga zazo.
7 Wazibeka uMoses iintonga phambi koYehova, ententeni yesingqino.
8 Kwathi ngengomso, wangena uMoses ententeni yesingqino; nantso intonga ka-Aron, wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile.
9 Waphuma uMoses neentonga zonke, evela kuYehova weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli. Bakhangela, bathabatha elowo intonga yakhe.
10 Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi.
11 Wenza ke uMoses; njengoko uYehova abemwisele umthetho, wenjenjalo.
12 Bathetha oonyana bakaSirayeli kuMoses, bathi, Yabona, siyabhubha, siyaphela, siyaphela sonke.
13 Bonke abasondelayo, abasondela emnqubeni kaYehova, baya kufa. Siya kubhubha sigqibele na?