INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 15

Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika ezweni lokuhlala kwenu endininika lona,
3 nenza ukudla kwasemlilweni kuYehova, idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo wesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, nokuba ngowamaxesha enu amisiweyo, nisenza ivumba elithozamisayo kuYehova, nithabatha kwiinkomo, nokuba nithabatha kwimpahla emfutshane:
4 lowo uwusondezayo umsondezo wakhe kuYehova, wosondeza umnikelo wokudla osisahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe isahlulo sesine sehin yeoli;
5 nesahlulo sesine sehin yewayini yomnikelo othululwayo, usenze ndawonye nedini elinyukayo; nokuba ngumbingelelo, ube ngowamvana-nye.
6 Nokuba ngowenkunzi yegusha, wowenza umnikelo wokudla ube zizahlulo ezibini zesishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli esisahlulo sesithathu sehin;
7 newayini yomnikelo othululwayo, isahlulo sesithathu sehin, uyisondeze ibe livumba elithozamisayo kuYehova.
8 Xa uthe wenza ithole lenkomo idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo wesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngowoxolo kuYehova:
9 wosondeza ndawonye nethole lenkomo umnikelo wokudla, ube zizahlulo ezithathu zesishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli esisiqinqatha sehin.
10 Woyisondeza newayini ibe yeyomnikelo othululwayo, esisiqingatha sehin: ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova;
11 kwenjiwe njalo kwinkomo enye, nokuba kukwinkunzi yemvu enye, nokuba kukwitakane legusha elinye, nelebhokhwe elinye.
12 Ngangenani enithe nalenza, niya kwenjenjalo kuyo inye, kube ngangenani lazo.
13 Bonke abo bazalelwe kuloo ndawo baya kwenjenjalo kwezo zinto ekusondezeni kwabo ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova.
14 Xa athe waphambukela kuni umphambukeli, nokuba ngophakathi kwenu ezizukulwaneni zenu, wenza ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: njengoko nenza ngako nina, uya kwenza ngakonaye.
15 Ngokubhekisele kuso isikhungu, woba mnye ummiselo kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni, ummiselo ongunaphakade kwizizukulwana zenu. Njengoko ninjalo nina, woba njalo umphambukeli phambi koYehova.
16 Umyalelo woba mnye, nesiko loba linye kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni.
17 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
18 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Ekufikeni kwenu ezweni elondinisa kulo,
19 kothi ekudleni kwenu isonka selizwe, nirhumele uYehova umrhumo.
20 Norhuma umrhumo womgrayo wenu wokuqala, wenziwe umqhathane; njengomrhumo wesanda, nowenjenjalo ukuwurhuma.
21 Kuwo umgrayo wenu wokuqala, nomnika uYehova umrhumo ezizukulwaneni zenu.
22 Xa nithe nalahleka, anayenza le mithetho yonke ayithethileyo uYehova kuMoses,
23 zonke izinto uYehova aniwisele umthetho ngazo ngesandla sikaMoses, kususela kumhla uYehova awawisa umthetho, nasemva koko ezizukulwaneni zenu:
24 kothi, ukuba kuthe kwenzeka into ngokulahleka, ingabonwa libandla, ibandla lonke lenze inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe linye, ibe lidini elinyukayo, ibe livumba elithozamisayo kuYehova, ndawonye nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo, ngokwesiko; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono;
25 alicamagushele umbingeleli lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. Boxolelwa ke, ngokuba ibikukulahleka oku; bawuzisile bona umsondezo wabo, ukudla kwasemlilweni kuYehova, nedini labo lesono phambi koYehova ngenxa yokulahleka kwabo.
26 Loxolelwa ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, ngokuba kubahlele oku abantu bonke ngokulahleka.
27 Ukuba ubani uthe wona ngokulahleka, wosondeza ibhokhwe elithokazi elimnyaka mnye, ibe lidini lesono;
28 umbingeleli acamagushele umphefumlo olahlekayo ngokona kwawo, ngokulahleka kwawo phambi koYehova. Akuwucamagushela, woxolelwa ke.
29 Kozalwayo phakathi koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli ophambukele phakathi kwenu, woba mnye umyalelo kuni, ngokusingisele kowenza ngokulahleka.
30 Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
31 Ngokuba ulidelile ilizwi likaYehova, uwaphule nomyalelo wakhe; loo mphefumlo wonqanyulwa kanye, ubugwenxa buphezu kwawo.
32 Kwathi, oonyana bakaSirayeli besentlango, bafumana umntu etheza iinkuni ngomhla wesabatha.
33 Abo bamfumanayo etheza iinkuni, bamsondeza kuMoses nakuAron nakwibandla lonke;
34 bamfaka elugcinweni, kuba bekungekamiswa okuya kwenziwa kuye.
35 Wathi uYehova kuMoses, Makabulawe afe loo mntu, limxulube ibandla lonke ngamatye, ngaphandle kweminquba.
36 Lonke ibandla lamkhuphela ngaphandle kweminquba, lamxuluba ke ngamatye. Wafa, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
37 Wathi uYehova kuMoses,
38 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, mabenze iintshinga emasondweni eengubo zabo, kwizizukulwana zabo, bafake entshingeni yesondo intsontelo ebala limsi.
39 Mayibe yintshinga kuni; nithi, nakuyibona, niyikhumbule yonke imithetho kaYehova, niyenze, ningabhaduli nilandele intliziyo yenu, namehlo enu, enibe nihenyuza ngokulandela wona;
40 ukuze niyikhumbule niyenze yonke imithetho yam, nibe ngcwele kuThixo wenu.
41 NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo kuni: ndinguYehova, uThixo wenu.