INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 27

Zasondela iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, zomzalwane kaManase, unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.
2 Zema phambi koMoses naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu zebandla lonke emnyango wentente yokuhlangana, zathi,
3 Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganayo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana.
4 Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwemizalwane yakhe, kuba engenanyana? Sinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.
5 UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.
6 Wathetha uYehova kuMoses wathi,
7 Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wozinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise;
8 uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nolihambisela ilifa layo kwintombi yayo.
9 Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo.
10 Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo.
11 Ukuba uyise uthe akaba nabazalwana, ilifa layo nolinika umzalwana wayo okufuphi kuyo emizalwaneni yayo, alidle ilifa. Woba ngummiselo ke wokugweba lowo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
12 Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uye kule ntaba yeAbharim, ulikhangele ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli, ulikhangele;
13 uhlanganiselwe kwabakowenu nawe, njengokuba wahlanganiselwayo kubo uAron, umkhuluwa wakho;
14 njengokuba nawuphikisayo umlomo wam entlango yeTsin, embambanweni yebandla, endaweni yokundingcwalisa emanzini emehlweni abo. Lawo ngamanzi embambano aseKadeshe, entlango yeTsin.
15 Wathetha uMoses kuYehova, esithi,
16 UYehova, uThixo woomoya benyama yonke, makamise indoda yokuvelela ibandla;
17 eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe, ibangenise; lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaYehova.
18 Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe,
19 ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo;
20 uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli.
21 Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.
22 Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho. Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke;
23 wacinezela ngezandla zakhe phezu kwakhe, wamwisela umthetho, njengoko uYehova wathethayo ngoMoses.