INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 35

Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantsoni zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, esithi,
2 Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, ukuba babanike abaLevi elifeni lenzuzo yabo imizi yokubabahlale kuyo, nibanike abaLevi namadlelo ngasemizini yabo ngeenxa zonke.
3 Imizi yabo yoba yeyokuhlala, amadlelo ayo abe ngaweenkomo zabo, nempahla yabo, nento yabo yonke ephilileyo.
4 Amadlelo emizi enobanika abaLevi othabathela eludongeni lomzi ase ngaphandle, abe ziikubhite eziliwaka ngeenxa zonke;
5 nilinganise nithabathela ngaphandle komzi, icala lasempumalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasezantsi libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala lasentshonalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasentla libe ziikubhite ezingamawaka amabini, umzi ubesesazulwini. Lawo oba ngamadlelo emizi yabo.
6 Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithandathu yokusabela, enobanika ukuba abalekele kuyo umbulali, kuleyo nongeze imizi engamashumi amane anambini.
7 Yonke imizi enobanika yona abaLevi yoba yimizi engamashumi amane anesibhozo, anamadlelo ayo.
8 Imizi enobanika enzuzweni yoonyana bakaSirayeli noyenza mininzi kwesininzi, niyenze mincinane kwesincinane; eso isizwe, ngokomlinganiso welifa laso esiya kulidla, sobanika abaLevi emizini yaso.
9 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
10 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nafika ezweni lakwaKanan,
11 nozihlelela imizi ibe yimizi yenu yokusabela, abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi.
12 Yoba yimizi yenu yokusaba kumphindezeli, angafi umbulali, ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe.
13 Ke imizi enobanika yoba yimizi yenu yokusabela emithandathu.
14 Nganeno kweYordan nobanika imizi emithathu; ezweni lakwaKanan nobanika imizi emithathu, ibe yimiziyokusabela.
15 Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakundwendwe oluphakathi kwenu, babalekele kuyo bonke ababulele umntu ngengozi.
16 Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; wobulawa afe umbulali lowo.
17 Ukuba uthe wambetha ngelitye elisesandleni, angafayo ngalo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
18 Nokuba uthe wambetha ngento engumthi osesandleni, angafayo ngayo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
19 Umphindezeli wegazi wombulala ngokwakhe umbulali lowo; akuqubisana naye wombulala ngokwakhe.
20 Ukuba uthe wamtyhala ngokumthiya, nokuba umgibisele emzonda, wafa;
21 nokuba uthe wambetha ngesandla sakhe ngobutshaba, wafa: makabulawe afe lowo umbethileyo; ungumbulali yena. Umphindezeli wegazi wombulala umbulali lowo akuqubisana naye.
22 Ukuba uthe wamqubula wamtyhala, engenabutshaba, nokuba umgibisele ngempahla nokuba nangayiphi na into, engamzondi,
23 nokuba lilitye angafayo ngalo, engamboni, amwisele ngalo, engenabutshaba naye, engafuni kumenza nto imbi:
24 liya kwahlula ibandla phakathi kobethileyo nomphindezeli wegazi, ngokwezo zigwebo;
25 limhlangule ibandla umbulali esandleni somphindezeli wegazi, limbuvisele ibandla emzini wokusabela kwakhe, abebalekele kuwo, ahlale kuwo ade afe umbingeleli omkhulu othanjisiweyo ngeoli engcwele.
26 Ukuba umbulali uthe waphuma ngaphandle komda womzi wokusabela kwakhe abebalekele kuwo,
27 umphindezeli wegazi wamfumana engaphandle komda womzi wokusabela kwakhe, umphindezeli wegazi wambulala umbulali lowo, akayi kuba natyala lagazi lowo.
28 Kuba ange ehleli emzini wokusabela kwakhe, kwada kwafa umbingeleli omkhulu. Ke emveni kukufa kombingeleli omkhulu, umbulali wobuyela emhlabeni wenzuzo yakhe.
29 Ezo zinto zoba ngummiselo wokugweba kuni kwizizukulwana zenu emakhayeni enu onke.
30 Bonke ababulele umntu, makabulawe umbulali lowo ngomlomo wamangqina; kodwa ingqina lilinye aliyikungqina ngomntu afe.
31 Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yomphefumlo wobulali osukuba engongendawo, engowokufa; makabulawe afe.
32 Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yobalekele emzini wokusabela kwakhe, ukuba abuye eze kuhlala emhlabeni wakhe, ade afe umbingeleli.
33 Ize ningalihlambeli ilizwe enikulo, kuba ligazi elihlambela ilizwe. Ilizwe ke alinakucanyagushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo, kungengagazi lowaliphalazayo.
34 Nize ningalenzi nqambi ke ilizwe enihleli kulo, endihleli kulo; kuba mna, Yehova, ndihleli phakathi koonyana bakaSirayeli.