INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 6

Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda, nokuba yinkazana, xa ithe yazibalulela esibhambathisweni, esibhambathisweni sozahlulileyo, ezahlulela kuYehova,
3 wozahlula ewayinini nakwisiselo esinxilisayo, angaseli viniga yawayini, naviniga yasiselo sinxilisayo, angaseli nancindi yazidiliya, angadli zidiliya zimanzi nadiliya zomileyo;
4 yonke imihla yokuzahlula kwakhe aze angadli nto yenziweyo ngomdiliya, ethabathela ezinkozweni ese exolweni.
5 Yonke imihla yesibhambathiso sokuzahlula kwakhe, isitshetshe masingahambi entlokweni yakhe; ide izaliseke imihla azahlulele kuYehova, woba ngcwele, aziyeke iinwele zentloko yakhe, zihlume ziyakazele.
6 Yonke imihla yokuzahlulela kwakhe kuYehova, aze angasondeli kofileyo;
7 angazenzi nqambi ngoyise nangonina, ngomzalwana wakhe nangodade wabo, ekufeni kwabo; ngokuba imbasa yoThixo wakhe iphezu kwentloko yakhe.
8 Yonke imihla yokuzahlula kwakhe ungcwele kuYehova.
9 Xa kuthe kwafa ubani ngakuye ngephanyazo ngesiquphe, wayenza inqambi intloko yokuzahlula kwakhe, woyicheba intloko yakhe ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe, ayichebe ngomhla wesixhenxe.
10 Ngomhla wesibhozo maze azise amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana.
11 Umbingeleli wolenza elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo, amcamagushele, ngokokuba wonile ngofileyo; ayingcwalise intloko yakhe ngaloo mhla.
12 Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingabalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe.
13 Nguwo lo umyalelo wozahluleyo: Ngemini yokuzaliseka kwemihla yokuzahlula kwakhe, woziswa emnyango wentente yokuhlangana.
14 Aze asondeze umsondezo wakhe kuYehova, imvana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini elinyukayo; nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu egqibeleleyo, ibe nye, ibe ngumbingelelo woxolo;
15 nengobozi yemiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli; nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli; neminikelo yawo yokudla, neminikelo yawo ethululwayo.
16 Wosondeza ke umbingeleli phambi koYehova, enze idini lakhe lesono nedini lakhe elinyukayo;
17 inkunzi yemvu ayenze umbingelelo woxolo kuYehova, kunye nengobozi yezonka ezingenagwele; awenze umbingeleli umnikelo wakhe wokudla, nomnikelo wakhe othululwayo.
18 Womcheba ozahluleyo intloko yokuzahlula kwakhe emnyango wentente yokuhlangana, athabathe iinwele zentloko yokuzahlula kwakhe, azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo woxolo.
19 Wowuthabatha umbingeleli umkhono ophekiweyo wenkunzi yemvu, nomqhathane ongenagwele ube mnye engobozini, nesonkana esisicaba esingenagwele sibe sinye, azibeke ezandleni zozahluleyo, emva kokuyicheba intloko yokuzahlula kwakhe;
20 azitshangatshangise umbingeleli, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova. Zingcwele ezo kumbingeleli, kunye nencum yedini lokutshangatshangisa, kunye nomlenze womrhumo. Emveni koko ozahluleyo angayisela iwayini.
21 Nguwo lowo umyalelo wozahluleyo, obhambathisa umsondezo wakhe kuYehova ngenxa yokuzahlula kwakhe, ngaphandle koko sinokufikelela kuko isandla sakhe; ngokwesibhambathiso sakhe abesibhambathisile, makenjenjalo ngokomyalelo wokuzahlula kwakhe.
22 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
23 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaSirayeli, nithi kubo,
24 Makakusikelele uYehova, akugcine;
25 Makabukhanyise uYehova ubusobakhe kuwe, akubabale;
26 Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo.
27 Mabalibeke ke igama lam phezu koonyana bakaSirayeli; mna ndiya kubasikelela.