INumeri

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36


Isahluko 21

Weva umKanan, ukumkani waseAradi, obehleli kwelasezantsi, ukuba ayeza amaSirayeli ngendlela yeentlola, walwa namaSirayeli, wathimba abantu kuwo.
2 Abhambathisa amaSirayeli isibhambathiso kuYehova, athi, Ukuba uthe wabanikela inene aba bantu esandleni sam, ndoyisingela phantsi imizi yabo.
3 Waliva uYehova ilizwi lamaSirayeli, wamnikela umKanan lowo kuwo, wasingelwa phantsi nemizi yakhe. Kwathiwa igama laloo ndawo yiHorma.
4 Banduluka entabeni yeHore ngendlela yoLwandle oluBomvu, ukuba bajikele ilizwe lakwaEdom; bakhathazeka abantu endleleni.
5 Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.
6 UYehova wathuma iinyoka ezinobuhlungu ebantwini, zabaluma abantu; kwafa abantu abaninzi bakwaSirayeli.
7 Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.
8 Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka enobuhlungu, uyixhome esibondeni eside; kothi, bonke abobalunyiweyo, bakukhangela kuyo, baphile.
9 Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni eside; kwathi, yakuba ithe inyoka yamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu, waphila.
10 Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa iintente eObhoti.
11 Banduluka eObhoti, baya bamisa eIye-abharim, entlango ephambi kwelakwaMowabhi, ngasekuphumeni kwelanga.
12 Banduluka khona, baya bamisa esihlanjeni saseZerede.
13 Banduluka khona, baya bamisa phesheya kweArnon, esentlango, ephuma emdeni wama-Amori; kuba iArnon ngumda wakwaMowabhi, ophakathi kwamaMowabhi nama-Amori.
14 Ngenxa yoko, kuthiwa encwadini yeemfazwe zikaYehova: IVahebhi wayithabatha esiza ngesaqhwithi, Nezibhaxa zaseArnon,
15 Namathambeka ezibhaxa, Olukela ekhayeni laseAri, Ayame umda wakwaMowabhi.
16 Banduluka khona, baye eBhere; elo lelo qula wathi ngalo uYehova kuMoses, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi.
17 Oko ahlaba amaSirayeli le ngoma: Nyuka, qula; vumani kulo,
18 Kwiqula elambiwa ngabathetheli, Lagonjwa ngamanene abantu, Ngentonga yommisi-mthetho, ngemisimelelo yawo. Banduluka entlango, baya eMatana.
19 Banduluka eMatana, baya eNahaliyeli. Banduluka eNahaliyeli, baya eBhamoti.
20 Banduluka eBhamoti, baya esihlanjeni esisemhlabeni wakwaMowabhi, baya encotsheni yePisga, ekhangele enkangala.
21 AmaSirayeli athuma izigidimi kuSihon, ukumkani wama-Amori, esithi, Mandicande ezweni lakho;
22 asiyi kuthi gu bucala, siye emasimini nasezidiliyeni; asiyi kusela manzi equla; siya kubamba ngomendo wenkosi, side sicande emdeni wakho.
23 Akawavumela uSihon amaSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. USihon wahlanganisa bonke abantu bakhe, waphuma waya kuwahlangabeza amaSirayeli entlango, wafika eYatsa, walwa namaSirayeli.
24 AmaSirayeli amxabela ngohlangothi lwekrele, alihlutha ilizwe lakhe, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa koonyana baka-Amon; ngokuba umda woonyana baka-Amon ubuliqele.
25 AmaSirayeli ayithabatha yonke le mizi, ahlala amaSirayeli emizini yonke yama-Amori, eHeshbhon nasemagxamesini ayo.
26 Kuba iHeshbhon ngumzi wakwaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi wangaphambili, walihlutha lonke ilizwe lakhe kuye, kwesa eArnon.
27 Ngenxa yoko babesithi abenzi bemizekeliso: Yizani eHeshbhon, mawakhiwe uzinziswe umzi wakwaSihon;
28 Ngokuba kuphume umlilo eHeshbhon, Ilangatye emzini wakwaSihon; Wayidla iAri yakwaMowabhi, Abaninimimango baseArnon.
29 Yeha wena, Mowabhi! Nidakile, bantu bakwaKemoshe, Ubanikele oonyana bakhe baba ngabasabi, lintombi zakhe uzinikele ekuthinjweni, KuSihon, ukumkani wama-Amori.
30 Sibatolile; idakile iHeshbhon, kwesa eDibhon; Sababhangazisa, kwesa eNofa, Yangumlilo, kwesa eMedebha.
31 Ahlala amaSirayeli ezweni lama-Amori.
32 Wathuma uMoses ukuba iye kuhlolwa iYazere; bawathimba amagxamesi ayo, bawagqogqa ama-Amori abekhona.
33 Bajika, benyuka ngendlela yaseBhashan. Waphuma uOgi, ukumkani waseBhashan, waya kubahlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwee-Edreyi.
34 Wathi uYehova kuMoses, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe, ukuba wenze kuye njengoko wenzayo kuSihon, unkumkani wama-Amori, owayehleli eHeshbhon.
35 Bambulala yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke, kwada akwasala usindileyo; balihlutha ilizwe lakhe.